Date Published : 2025/08/01 | Article

“MASIBAMBISANE UKUGCINA ISIKO LOLWALUKO LUKHUSELEKILE,” KUTSHO UMPHATHISWA WILLIAMS KWIMBIZO YAMADODA

“MASIBAMBISANE UKUGCINA ISIKO LOLWALUKO LUKHUSELEKILE,” KUTSHO UMPHATHISWA WILLIAMS KWIMBIZO YAMADODA

UMphathiswa weSebe lezoLawulo kuRhulumente weeNgingqi kunye neNdlu yeeNkosi (COGTA) eMpuma Koloni, uZolile Williams, umemelele uluntu lonke lwaseMpuma Koloni kuquka abazali, abahlali, iinkokeli zesintu, kunye nolutsha, ukuba lubambisane ngokuzinikela ekukhuseleni nasekuhlonipheni isiko loLwaluko. Oku kuthe kwavakala ngexesha leMbizo yamadoda ebibanjelwe eNyandeni Great Place ngoLwesithathu, apho ingxoxo ibijolise ekusombululeni iingxaki ezinzulu zijongene neli siko, ingakumbi kummandla wase-OR Tambo.

Le mbizo ibibanjwe ngokubambisana neNdlu yee-Nkosi yePhondo (Eastern Cape House of Traditional and Khoi-San Leaders), emva kokuba uMphathiswa Williams kunye ne-OR Tambo Initiation Forum betyelele amabhoma ngexesha lonyaka lokwaluka lwasebusika. Ngethuba lotyelelo, baqaphele iziganeko ezibuhlungu, kuquka ukusweleka kwamakhwenkwe, nezinye izinto ezingekho semthethweni ezifana nokwaluswa kwabantwana abangaphantsi kweminyaka efanelekileyo, ukusetyenziswa kweziyobisi notywala, kunye nokuthinjwa kwabantwana.

NgokukaMphathiswa, eli lilixa ekufuneka ukuba uluntu lonke luthathe inxaxheba ngokuzingca nasekukhuseleni eli siko. Isiko loLwaluko asiyondaba yemveli kuphela, sisibophelelo sethu sonke. Kumele ukuba sonke simanyane kwaye sibambisane ekuligcineni nase kulikhuseleni. URhulumente uza kwenza eyakhe indima, kodwa impumelelo iya kuxhomekeka ekusebenzisaneni”, utshilo uWilliams.

Imbizo ibizinyaswe ngooKumkani kuquka uKumkani uNdlovuyezwe kaNdamase waseNyandeni, uKumkani uZwelozuko Matiwane waseMapondomise, kunye noKumkani uDaluxolo Sigcau waseQawukeni. Apho bonke babonakalise inkxaso yabo ekuphuculeni indlela ulwaluko olwenziwa ngayo, kuquka nokuqinisekisa ukuba iinkqubo zokujonga amabhoma zisebenza kakuhle.

URhulumente wephondo uzimisele futhi uzakuqhubeka nokubambisana noomasipala, amaqela abucala kunye noluntu lonke ukuqinisekisa ukuba eli siko liyaphila, kwaye likhusela ubomi babantwana.