Uphuculo lweSikolo samabanga aphakamileyo iKrazukile lubonisa ikamva eliqaqambileyo
Isikolo samabanga aphakamileyo iKrazukile, esikwiNgingqi yaseNjakazi kuCentane, sifumene uvuselelo kumagumbi okufunda aliqela, oluxabisa i-R67.7 yezigidi zeerandi.
Umphathiswa wesebe lezeMfundo ephondweni, uFundile Gade, wenze isikhumbuzo sokuvulwa kwesiSikolo, kwaye eliziko lemfundo lithembisa ikamva eliqaqambileyo kubafundi abangama-537 kunye nabasebenzi abangama-20.
uGade uthi urhulumente wephondo uzibophelele ekuqinisekiseni ukuba izikolo zasemaphandleni zifumana uphuhliso. Sizimisele ukuphucula izinga lemfundo ngokuqinisekisa ukuba indawo zokufunda zikwinqanaba eliphezulu into enokukhokhelela kwiziphumo eziphucukileyo zemfundo.”
Abafundi besikolo bachulumancile ngokuvuselelwa kwesisikolo nanjengoko bazakuxhamla kwizifundo ezisebenzisa ubuchwephesha balemihla kunye nethala lencwadi lokufunda ezihambelana nendlela yokufunda yalemihla.
Kootitshala, lo msebenzi ubonisa utshintsho kwezemfundo ingakumbi ukuphuculwa kweziseko zesisikolo nezixhobo zokusebenza.
Ukuqwalasela ukubaluleka kwesondlo esikolweni, le projekthi ibandakanya ukwakhiwa kweZiko lokutyela kunye nebala lezemidlalo.
Ukuqinisekisa umgangatho wokubonelela ngamanzi, isikolo sinikezelwe ngamatanki angama-23, nokubiyelwa kwaso ngocingo olukumgangatho yalemihla.
Oluvuselelo lweziseko kweliziko lemfundo lunikeza ibhongo neqhayiya kwesisikolo yaye sikulungele ukuvelisa oompondo zihlanjiwe lwabafundi abaya kuba negalelo ekukhuleni.
