Date Published : 2025/02/07 | Article

ISEBE LEZOTHUTHO EMPUMA KOLONI LIKWINKQUBELA YOKUVUSELELA IINDLELA EMAPHANDLENI

ISEBE LEZOTHUTHO EMPUMA KOLONI LIKWINKQUBELA YOKUVUSELELA IINDLELA EMAPHANDLENI

ISEBE LEZOTHUTHO EMPUMA KOLONI LIKWINKQUBELA YOKUVUSELELA IINDLELA EMAPHANDLENI

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni uyaqhuba ngenzame zokuvuselela iindlela zephondo emaphandleni. Oku kuza emva kokuba umphathiswa wesebe lezothutho ephondweni uXolile Nqatha wazise ngokusesikweni ikontraka nezakuvuselela indlela iClarkbury.

Isigaba sokuqala sale projekthi nesixabisa ngapha kwezigidi ezingamakhulu amathathu erandi sizakugxila ukuvuseleleni umgama wee-khilomitha ezingamashumi amabaini (20KM), kule ndlela engumgama wee-khilomitha ezingamashumi amane(40KM) phakathi kohola wendlela u-N2 ceb kuhle neDutywa kunye nendlela ka R61 kude kufuphi ne- Ngcobo.

Umphathiswa uNqatha uthi le projekthi yezigidigidi zeerandi izakuphucula uqhagamshelo phakathi kwezidolophu ntoleyo ezakuphucula uqoqosho kule ngingqi.

"Ukuphuhliswa kweendlela zethu kubalulekile kwinkqubela phambili yezoqoqosho, ukuqinisekisa ukuba uluntu lethu lukhuselekile, nokufikelela kwiinkonzo ezibalulekileyo kunye neemakethi," kutsho uNqatha.

Kusenjalo, kulindeleke eliphulo lidale namathuba emisebenzi ekuhlaleni eqikelelwa phakathi kwamashumi asithoba (90) kunye nekhulu elinamashumi amane (140), kwaye namanye amathuba emisebenzi koosekela-khontraka.

Unokhontraka owonyuliweyo uzakuba noxanduva lwemisebenzi eliqela kule projekthi oku kuquka ukwakha ibloro yee-mitha ezingamashumi amabini anesine ubude(24 meters) kunye neendawo zokuwela indlela kubahambi ngeenyawo.

Esisigaba sokuqala sokuvuselela lendlela kulindeleke ukuba siqukunjelwe emva kweminyaka emithathu.