ISEBE LOPHUHLISO LWAMAPHANDLE NEZOLIMO LUNIKEZELE NGEEKUNZI ZENKOMO KUMAFAMA Umphathiswa wesebe loPhuhliso lwamaPhandle nezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe ukhuthaze amafama ukuba akhule ingakumbi kwicandelo elinexabiso lokuvelisa inyama ebomvu nokuphuhlisa uqoqosho ephondweni. Umphathiswa uKontsiwe ebethetha oku ngethuba elisebe linikezela ngeenkunzi zenkomo zohlobo leNguni kumafama asuka kwizithili Alfred Nzo, Amathole, Joe Gqabi kunye nase OR Tambo. Eliphulo lijoliswe ekuphuculeni umhlambi wamafama asakhasayo ephondweni ukuze bathathe inxaxheba kuqoqosho lwezolimo. Ezi nzame sizenzayo singurhulumente sinqwenela ukuba ziphuhlise amafama ngokugqithisileyo ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kutyalo-mali njengosomashishini,” ucacise watsho uMphathiswa Ngethuba evuyisana nabaxhamli, uMphathiswa uKontsiwe uvakalise uchulumanco ngokubona amanina alulutsha eyinxalenye yalenkqubo. Eliphulo libaluleke kakhulu ekuphuhliseni impilo yamafama asemakhaya, ndiyavuya ke nokubona amanina ayinxalenye yeliphulo, lonto ithetha lukhulu ngokuxabisa indima edlalwa ngamanina kwelicandelo”, wongeze watsho. UEmihle Mkosana oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) waseNtonga Red Meat Youth Farmers uthi ukuxhamla kweliphulo kuzisa inguqu kwishishini lakhe ukuze avelise inyama ebomvu esemgangathweni. ”Oku kuza kusinceda ukuba sixhamle kakhulu ngokuvelisa inyama efunekayo kwiimarike. Siyayibulela inkxaso esiyinikwe ngurhulumente ukuze sikwazi ukufikelela kwelinqanaba,” ucacise watsho uMkosana. Iphondo leMpuma Koloni libalasele kwicandelo lemfuyo nanjengoko umyhinge wamashumi amahlanu anesixhenxe (57%) ekhulwini kwingeniso yozelimo ivela kwimfuyo.