Date Published : 2024/02/17 | Article

UNIKEZELO LWENKOMO KWAKUNYE NEBHOKHWE KUMAFAMA

UNIKEZELO LWENKOMO KWAKUNYE NEBHOKHWE KUMAFAMA
Kube luvuyo nochulumanco kubahlali base Donhe Adi Ecumakala, ngelixa iNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane kunye noMphathiswa wesebe loPhuhliso lwamaPhandle noLimo uNonkqubela Pieterse benikezela ngeebhokhwe kunye neenkomo zohlobo kumafama.

Ukuphuhliswa kwamaphandle kwakunye nezolimo kudlala indima engundoqo ekukhuliseni uqoqosho lweliphondo, kwaye amaphulo anje abalulekile nanjengoko encedisa ukuqhubela phambili uluntu kwanokuthabatha inxaxheba kuphuhliso lwentlalo noqoqosho lweMpuma Koloni.

uPremier Mabuyane uthetha enjenje, SinguRhulumente sizimisele ukuxhasa amafama asakhasayo ngezibonelelo zemfuyo, iimbewu, izithole, izichumiso, nezixhobo zokulima. Siyakhuthaza ke ukuba abantu bakuthi bavuselele ulimo nokufuya kwiindawo abakuzo ukuze bakwazi ukuqubisana nendlala”.